🔗 ⚙️

noba bangathini by Bongeziwe Mabandla

Tracklist
1.noba bangathini4:51
Lyrics

NOBA BANGATHINI


Noba bangathini thini
Thina sadalelwa ukuba kunye
Andi andikwazi uyicacisa
Indlela endiva ngayo


Kodwa noba bangathini thini
Luthando lwenyani olu
Makungabikho nto
Eyophinde isahlule
Ndincame konke ebendinako
Ndakhetha ukuba nawe


Ngoba xa ndihleli nawe
Liyama ilizwe lami
Ndibe semoyeni
Ndonyuke ndifike phezulu


Ewe (Ewe) Ewe (Ewe)
Ndifuna (Ewe) wena uhlale (Ewe)
Ewe (Ewe) Ewe (Ewe)
Ungaze uphinde uhambe


Uthi xa ukhala (Ndilile, Ndilile)
Uthi xa ukhala
Uthi xa ukhala
Kukhala mna
Intlungu yakho yonke
Ndiyiva ngaphakathi
Uthi xa uvuya
Ndivuye nam
Mna ndilapho
Aph’ ukhoyo


Zingaphi imini
Sihleli sobabini
Sithembisan’ ukuba
Izinto zokulunga
Namhlanje nd’fun’ uyazi
Lo min’ ideyafika


Thand’ uthanda wena
Thand’ uthandwa nguwe
Hlala nami kuze
Kube ngunaphakade
Hlala nami kude
Kube ngunaphakade


Ndijonge ngamehlo
Ngamehlo akho Amahle
Ndifuna ukuba nawe
Nawe, nawe, nawe
Ndifuna ukuba nawe
Nawe, nawe, nawe

Credits
released January 27, 2023
Produced by Tiago Correia-Paulo
Mixed by Stephen Sedgwick
Mastered by Rogan Kelsey
LicenseAll rights reserved.
Tags
Recommendations